Ilevitikus 19:3-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Yoyikani elowo unina noyise; nizigcine iisabatha zam: ndinguYehova, uThixo wenu.

4. Musani ukubheka kwiinto ezingení; ningazenzeli izithixo ezityhidiweyo: ndinguYehova, uThixo wenu.

5. Xa nibingelela kuYehova umbingelelo woxolo, nobingelela ukuze unikholekise.

6. Wódliwa ngomhla wokubingelela kwenu nangengomso; okuseleyo kwada kwangumhla wesithathu kotshiswa ngomlilo.

7. Ukuba kuthe kwadliwa nokudliwa ngomhla wesithathu, kuyimbozisa; akuyi kukholekisa.

8. Ke okudlayo, wobuthwala ubugwenxa bakhe; ngokuba eyihlambele ingcwele kaYehova; loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo.

9. Ekuvuneni kwenu isivuno selizwe lenu, uze ungawavuni ugqibelele amacala entsimi yakho, ungabhikici lubhikico lokuvuna kwakho.

10. Uze ungasicholi isidiliya sakho; nento evuthulukileyo yomdiliya wakho uze ungayibhikici; woyishiyela olusizana nomphambukeli: ndinguYehova, uThixo wenu.

11. Ize ningebi; ize ningakhanyeli into niyazi; ize ningaxokisani.

Ilevitikus 19