Ilevitikus 19:25-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Ngomnyaka wesihlanu nozidla iziqhamo zayo, ukuze zinongezele ungeniselo lwayo: ndinguYehova, uThixo wenu.

26. Ize ningadli nto inegazi.Ize ningahlabi sihlabo; ize ningabi ngamatola.

27. Ze ningazichebi nizizungeleze iintlontlo zentloko yenu; ungaloni udini lweendevu zakho.

28. Ize ningazicenti inyama yenu ngenxa yomfi, ningenzi mbhalo wamvambo kuni: ndinguYehova.

29. Musa ukuyihlambela intombi yakho, uyenze ihenyu, ukuze ilizwe lingahenyuzi, lingazali ilizwe ngamanyala.

30. Gcinani iisabatha zam, niyoyike ingcwele yam: ndinguYehova.

31. Musani ukubheka kwabanemishologu; musani ukubafuna oosiyazi, ukuze nenziwe inqambi ngabo: ndinguYehova uThixo wenu.

32. Suka ume ebusweni bengwevu, ububeke ubuso bexhego, umoyike uThixo wakho: ndinguYehova.

33. Xa umphambukeli aphambukela kuni ezweni lenu, ize ningambandezeli.

34. Kuni wóba njengozalelwe phakathi kwenu ekhaya, umphambukeli ophambukele kuni; uze umthande ngoko uzithanda ngako; ngokuba nibe ningabaphambukeli ezweni laseYiputa: ndinguYehova, uThixo wenu.

Ilevitikus 19