Ilevitikus 19:17-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Uze ungamthiyi umzalwana wakho entliziyweni yakho; kanye womohlwaya ummelwane wakho, ungazithwalisi sono ngenxa yakhe.

18. Uze ungaphindezeli; uze ungabi nanqala koonyana babantu bakowenu; uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako; ndinguYehova.

19. Ize niyigcine imimiselo yam. Iinkomo zakho uze ungazizekisi kwiintlobo ezimbini; uze ungayihlwayeli intsimi yakho iintlobo ezimbini zembewu; nengubo yeentlobo ezimbini engumxube ize ingezi phezu kwakho.

20. Xa indoda ithe yayilala inkazana, ilikhobokazana eliganelwe indoda, lingàkhululwanga ngokuhlawulelwa, lingàphiwanga nenkululeko: bobethwa; bangàbulawa, ngokuba belingakhululekile.

21. Yolizisa idini letyala layo kuYehova emnyango wentente yokuhlangana, inkunzi yemvu, ibe lidini letyala;

22. ayicamagushele umbingeleli ngenkunzi leyo yemvu yedini letyala phambi koYehova ngenxa yesono sayo, eyoné ngaso. Yosixolelwa ke isono sayo, eyoné ngaso.

23. Xa nifikileyo ezweni elo, natyala yonke imithi edliwayo, nòthi iziqhamo zayo zikúkungaluki; zoba zezingalukanga kuni iminyaka emithathu, ize zingàdliwa.

24. Ngowesiné umnyaka, zonke iziqhamo zayo zoba ngumnikelo ongcwele wendumiso kuYehova.

25. Ngomnyaka wesihlanu nozidla iziqhamo zayo, ukuze zinongezele ungeniselo lwayo: ndinguYehova, uThixo wenu.

26. Ize ningadli nto inegazi.Ize ningahlabi sihlabo; ize ningabi ngamatola.

27. Ze ningazichebi nizizungeleze iintlontlo zentloko yenu; ungaloni udini lweendevu zakho.

28. Ize ningazicenti inyama yenu ngenxa yomfi, ningenzi mbhalo wamvambo kuni: ndinguYehova.

Ilevitikus 19