19. Uze ungasondeli emfazini, esekungcoleni kobunqambi bakhe, ukuba ubutyhile ubuzé bakhe.
20. Uze ungamlali umfazi wommelwane, ukuba uzenze inqambi ngaye.
21. Embewini yakho uze unganikeli namnye, ukuba acandiselwe uMoleki;* ungalihlambeli igama loThixo wakho; ndinguYehova.
22. Uze ungayilali into eyindoda njengokuba kulalwa umfazi: ngamasikizi lawo.
23. Uze ungalali nanye into ezitho ziné, ukuba uzènze inqambi ngayo; inkazana mayingazimisi phambi kwento ezitho ziné, ukuze izekwe yiyo: kukuzingcolisa oko.
24. Musani ukuzenza iinqambi ngezo nto zonke; kuba zenziwa iinqambi ngezo nto zonke iintlanga endizigxothayo ebusweni benu.
25. Lenziwé inqambi nelizwe elo; ndiyabuvelela ubugwenxa babo phezu kwabo, nelizwe liyabahlanza abemi balo.
26. Ize niyigcine imimiselo yam namasiko am nina, ningenzi nalinye kuloo masikizi, kwaozalelwe ekhaya, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu.
27. Kuba onke loo masikizi bawenzile abantu belo zwe abaphambi kwenu, lenziwa inqambi ilizwe;
28. ukuze linganihlanzi ilizwe ngokulenza kwenu inqambi, njengoko liluhlanzileyo uhlanga oluphambi kwenu.