Kuba umphefumlo wenyama yonke, igazi layo eli ngumphefumlo wayo. Ndathi ke koonyana bakaSirayeli, Ize ningadli gazi lanyama nokuba yiyiphi; ngokuba umphefumlo wenyama yonke ligazi layo. Bonke abalidlayo bonqanyulwa.