Ilevitikus 15:25-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Umfazi xa athe wampompoza ukumpompoza kwegazi lakhe imihla emininzi, ingelilo ixesha lokungcola kwakhe, naxa lithe lampompoza ngaphezu kwelokungcola kwakhe: yonke imihla yokumpompoza kobunqambi bakhe yoba njengemihla yokungcola kwakhe, abe yinqambi yena.

26. Zonke izilili athe walala kuzo, yonke imihla yokumpompoza kwakhe, zoba njengesilili sokungcola kwakhe kuye; zonke iimpahla athe wahlala kuzo, zoba ziinqambi njengobunqambi bokungcola kwakhe.

27. Bonke abo bazichukumisayo ezo nto, boba ziinqambi; bazihlambe iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.

28. Ukuba uthe wahlambuluka ekumpompozeni kwakhe, wozibalela imihla esixhenxe emveni koko, ahlambuluke ke;

29. ngomhla wesibhozo azithabathele amahobe amabini, nokuba ngamagobo amabini evukuthu, awazise kumbingeleli emnyango wentente yokuhlangana,

30. awanikele umbingeleli, elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo. Umbingeleli womcamagushela phambi koYehova ngenxa yokumpompoza kobunqambi bakhe.

31. Nize nibakhwelelise ke oonyana bakaSirayeli ebunqambini babo; bangafeli ebunqambini babo, ngokuwenza inqambi umnquba wam ophakathi kwabo.

32. Nguwo lowo umyalelo walowo ubhobhozayo, nowoncolayo waba yinqambi ngaloo nto;

33. nowalowo unomzi wokungcola kwakhe, nowalowo umpompoza ukumpompoza kwakhe, nokuba yindoda, nokuba ngumfazi, nokuba yindoda elele nomfazi oyinqambi.

Ilevitikus 15