17. Neengubo zonke, nezikhumba zonke ezinoncolo, zohlanjwa ngamanzi, zibe ziinqambi, zihlwise.
18. Ke umfazi ethe indoda yamlala, bohlamba ngamanzi, babe ziinqambi bahlwise bobabini.
19. Umfazi xa athe wampompoza, kwaba ligazi ukumpompoza kwakhe enyameni yakhe, woba sekungcoleni kwakhe imihla esixhenxe; bonke abo bamchukumisayo boba ziinqambi, bahlwise.
20. Yonke into asukuba elala phezu kwayo ekungcoleni kwakhe, yoba yinqambi; nento yonke asukuba ehlala phezu kwayo, yoba yinqambi.
21. Bonke abo bachukumisa isilili sakhe bozihlamba iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.
22. Bonke abo bachukumisa nantoni yempahla ahlala phezu kwayo, bozihlamba iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.
23. Nokuba lisesililini, nokuba lisempahleni ahlala kuyo, ekulichukumiseni kwabo boba ziinqambi, bahlwise.
24. Ukuba indoda ithe yalala naye, kwafikelela kuyo ukungcola kwakhe, yoba yinqambi imihla esixhenxe, nesilili sonke elele kuso soba yinqambi.
25. Umfazi xa athe wampompoza ukumpompoza kwegazi lakhe imihla emininzi, ingelilo ixesha lokungcola kwakhe, naxa lithe lampompoza ngaphezu kwelokungcola kwakhe: yonke imihla yokumpompoza kobunqambi bakhe yoba njengemihla yokungcola kwakhe, abe yinqambi yena.
26. Zonke izilili athe walala kuzo, yonke imihla yokumpompoza kwakhe, zoba njengesilili sokungcola kwakhe kuye; zonke iimpahla athe wahlala kuzo, zoba ziinqambi njengobunqambi bokungcola kwakhe.
27. Bonke abo bazichukumisayo ezo nto, boba ziinqambi; bazihlambe iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.