1. Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,
2. Thethani koonyana bakaSirayeli, nithi kubo, Indoda ngendoda, xa ithe yanobhobhozo oluphuma enyameni yayo, iyinqambi ngobhobhozo lwayo olo.
3. Boba bobu ubunqambi bayo ekubhobhozeni kwayo; nokuba inyama yayo iyachiza ukubhobhoza kwayo, nokuba inyama iyakuvingca ukubhobhoza kwayo, bubunqambi bayo obo.
4. Sonke isilili alala kuso lowo ubhobhozayo soba yinqambi, nempahla yonke ahlala kuyo yoba yinqambi.
5. Indoda esukuba isichukumisa isilili salowo, yozihlamba iingubo zayo, ihlambe emanzini, ibe yinqambi, ihlwise.