1. Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,
2. Thethani koonyana bakaSirayeli, nithi kubo, Indoda ngendoda, xa ithe yanobhobhozo oluphuma enyameni yayo, iyinqambi ngobhobhozo lwayo olo.
3. Boba bobu ubunqambi bayo ekubhobhozeni kwayo; nokuba inyama yayo iyachiza ukubhobhoza kwayo, nokuba inyama iyakuvingca ukubhobhoza kwayo, bubunqambi bayo obo.
4. Sonke isilili alala kuso lowo ubhobhozayo soba yinqambi, nempahla yonke ahlala kuyo yoba yinqambi.
5. Indoda esukuba isichukumisa isilili salowo, yozihlamba iingubo zayo, ihlambe emanzini, ibe yinqambi, ihlwise.
6. Lowo uhlala phezu kwempahla abehleli kuyo obhobhozayo, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise.
7. Lowo uwuchukumisayo umzimba wobhobhozayo, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise.
8. Xa athe obhobhozayo wamtshicela ohlambulukileyo, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise.
9. Zonke iinqwelo asukuba ekhwela kuzo obhobhozayo zoba ziinqambi.
10. Bonke abo bachukumisa nantoni ibiphantsi kwakhe, boba ziinqambi, bahlwise; lowo uyithwalayo, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise.
11. Bonke abasukuba bemchukumisa obhobhozayo, bangazigaleli amanzi izandla zabo, bozihlamba iingubo zabo, bahlambe emanzini, babe ziinqambi, bahlwise.
12. Impahla yomdongwe abeyichukumisile obhobhozayo yoqhekezwa; yonke impahla yomthi yoxukuxwa ngamanzi.
13. Xa athe wahlambuluka obhobhozayo ekubhobhozeni kwakhe, wozibalela imihla esixhenxe yokuhlanjululwa kwakhe, azihlambe iingubo zakhe, awuhlambe umzimba wakhe emanzini aphilileyo; wohlambuluka ke.