Ilevitikus 14:8-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Lowo uzihlambululayo wozihlamba iingubo zakhe, achebe zonke iinwele zakhe, ahlambe emanzini, ahlambuluke ke.Emveni koko wongena eminqubeni, ahlale ngaphandle kwentente yakhe imihla esixhenxe;

9. kuthi ngomhla wesixhenxe, achebe zonke iinwele zakhe entloko, nasesilevini sakhe, nasemashiyini akhe, azichebe zonke iinwele zakhe, azihlambe iingubo zakhe, ahlambe umzimba wakhe emanzini, ahlambuluke ke.

10. Ngomhla wesibhozo wothabatha iimvana ezimbini ezigqibeleleyo, nemvanazana emnyaka mnye egqibeleleyo ibe nye, nezahlulo ezithathu zesishumi zomgubo ocoliweyo, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, neloge* yeoli ibe nye;

11. umbingeleli ohlambululayo ayimise indoda ezihlambululayo, nezo zinto, phambi koYehova emnyango wentente yokuhlangana.

12. Woyithabatha umbingeleli enye imvana, ayisondeze ibe lidini letyala, neloge yeoli, azitshangatshangise zibe ngumtshangatshangiso ezo nto phambi koYehova;

13. ayixhelele imvana apho kuxhelelwa khona idini lesono nedini elinyukayo, endaweni engcwele; kuba, njengokuba lilelombingeleli idini lesono, likwanjalo idini letyala: liyingcwele kangcwele.

14. Wocaphula umbingeleli egazini ledini letyala, adyobhe umbingeleli esithinzini sendlebe yasekunene yalowo uzihlambululayo, nasesithupheni sesandla sakhe sokunene, nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene.

15. Aze acaphule umbingeleli elogeni yeoli, ayigalele esandleni sombingeleli sasekhohlo;

16. awuthi nkxu umbingeleli umnwe wakhe wasekunene eolini esesandleni sakhe sasekhohlo, afefe inxalenye yeoli ngomnwe wakhe izihlandlo ezisixhenxe phambi koYehova.

17. Inxalenye yeoli eseleyo esesandleni sakhe, umbingeleli woyidyobha esithinzini sendlebe yasekunene yalowo uzihlambululayo, nasesithupheni sesandla sakhe sasekunene, nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene, phezu kwegazi ledini letyala.

18. Eseleyo ioli esesandleni sombingeleli aze ayigalele entloko kulowo uzihlambululayo, umbingeleli amcamagushele ke phambi koYehova.

19. Umbingeleli wolenza idini lesono, amcamagushele lowo uzihlambululayo ngenxa yobunqambi bakhe; emveni koko alixhele idini elinyukayo,

20. alinyuse umbingeleli idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, esibingelelweni, umbingeleli amcamagushele. Wohlambuluka ke.

21. Ukuba uthe waba sisweli, nesandla sakhe asaba nakukufumana oko, wothabatha imvana ibe nye, ibe lidini letyala lokutshangatshangisa, amcamagushele, nesahlulo seshumi somgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, sibe sinye, ube ngumnikelo wokudla, neloge yeoli;

22. namahobe amabini, nokuba ngamagobo amabini evukuthu, esinokuwafumana isandla sakhe, elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo.

23. Maze awazise ngomhla wesibhozo kumbingeleli, ukuba ahlanjululwe emnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova.

24. Umbingeleli woyithabatha imvana elidini letyala, neloge yeoli, ezo nto umbingeleli azitshangatshangise zibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova;

25. ayixhele imvana yedini letyala; acaphule umbingeleli egazini ledini letyala, alidyobhe esithinzini sendlebe yasekunene yalowo uzihlambululayo, nasesithupheni sesandla sakhe sasekunene, nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene.

Ilevitikus 14