Ilevitikus 14:48-54 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

48. Ukuba umbingeleli uthe wangena, wakhangela, O! isibetho asiqhenqethanga endlwini emveni kokutyatyekwa kwendlu, umbingeleli wothi ihlambulukile indlu, ngokuba isibetho siphilisiwe.

49. Wothabatha into yokuhlambulula indlu: iintaka zibe mbini, nomsedare,* noboya obubomvu, nehisope.*

50. Maze ayixhelele enye intaka empahleni yomdongwe phezu kwamanzi aphilileyo;

51. awuthabathe umsedare, nehisope, noboya obubomvu, nentaka ephilileyo, azithi nkxu egazini lentaka exheliweyo, nasemanzini aphilileyo, ayifefe indlu izihlandlo zibe sixhenxe;

52. ayihlambulule indlu ngegazi lentaka leyo, nangamanzi aphilileyo, nangentaka ephilileyo, nangomsedare, nangehisope, nangoboya obubomvu.

53. Woyindulula intaka ephilileyo iye ngaphandle komzi, iye ezindle, ayicamagushele indlu; yohlambuluka ke.

54. Nguwo lowo umyalelo osingisele kuzo zonke izibetho zeqhenqa nakuko ukudlathuka kweenwele,

Ilevitikus 14