Ilevitikus 14:35-52 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

35. makeze umninindlu amxelele umbingeleli, esithi, Kubonakala kum ngathi kukho isibetho endlwini.

36. Wowisa umthetho umbingeleli, ukuba bayikhuphe impahla endlwini, engekangeni umbingeleli ukuba asikhangele isibetho, ukuze ingabi yinqambi yonke into esendlwini; emveni koko wongena umbingeleli ukuba ayikhangele indlu.

37. Akusikhangela isibetho, O! isibetho sisezindongeni zendlu, sizizifanya ezibuhlazarha, nokuba zifuna ukuba ngqombela, ukubonakala kwazo zithe gangqa eludongeni:

38. wophuma umbingeleli endlwini, aye emnyango wendlu, ayivale indlu imihla esixhenxe.

39. Wobuya umbingeleli ngomhla wesixhenxe akhangele, O! siqhenqethile isibetho ezindongeni zendlu;

40. aze awise umthetho umbingeleli, ukuba arholwe amatye esikuwo isibetho eso, aphoswe ngaphandle komzi endaweni eyinqambi;

41. ayiphale indlu ngaphakathi ngeenxa zonke, bawuphose umhlaba abawuphalileyo ngaphandle komzi endaweni eyinqambi;

42. bathabathe matye wambi, bawafake endaweni yaloo matye, kuthatyàthwe olunye udaka, ityatyekwe indlu.

43. Ukuba sithe sabuya isibetho sathi qwele endlwini, emveni kokurholwa kwamatye, nasemveni kokuphalwa kwendlu, nasemveni kokutyatyekwa kwayo, wongena umbingeleli, akhangele,

44. O! siqhenqethile isibetho endlwini: liqhenqa elimandundu endlwini, iyinqambi ke.

45. Yodilizwa indlu namatye ayo, nemithi yayo, nodaka lonke lwendlu, zikhutshelwe ngaphandle komzi ezo zinto, ziye kulahlelwa endaweni eyinqambi.

46. Lowo ungenayo endlwini, yonke imihla yokuvalwa kwayo, woba yinqambi, ahlwise.

47. Lowo ulele kuloo ndlu, wozihlamba iingubo zakhe; nalowo udlele kuloo ndlu, wozihlamba iingubo zakhe.

48. Ukuba umbingeleli uthe wangena, wakhangela, O! isibetho asiqhenqethanga endlwini emveni kokutyatyekwa kwendlu, umbingeleli wothi ihlambulukile indlu, ngokuba isibetho siphilisiwe.

49. Wothabatha into yokuhlambulula indlu: iintaka zibe mbini, nomsedare,* noboya obubomvu, nehisope.*

50. Maze ayixhelele enye intaka empahleni yomdongwe phezu kwamanzi aphilileyo;

51. awuthabathe umsedare, nehisope, noboya obubomvu, nentaka ephilileyo, azithi nkxu egazini lentaka exheliweyo, nasemanzini aphilileyo, ayifefe indlu izihlandlo zibe sixhenxe;

52. ayihlambulule indlu ngegazi lentaka leyo, nangamanzi aphilileyo, nangentaka ephilileyo, nangomsedare, nangehisope, nangoboya obubomvu.

Ilevitikus 14