Ilevitikus 13:9-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Isibetho seqhenqa, xa sithe sabakho emntwini, woziswa kumbingeleli;

10. akhangele umbingeleli, O! ukufukuka kumhlophe elùswini, kulwenze unwele lwaba mhlophe, kukho inyama ekrwada, ehleliyo ekufukukeni apho:

11. liqhenqa elidala eli elùswini lwenyama yakhe; umbingeleli wothi uyinqambi; angamvaleli, ngokuba uyinqambi.

12. Ke ukuba iqhenqa lithe qwele kakhulu elùswini, iqhenqa lalugubungela lonke ulùsu lonesibetho, lathabathela entloko lesa ezinyaweni, ngokubona konke kwamehlo ombingeleli,

13. umbingeleli wokhangela; O! liyigubungele yonke inyama yakhe iqhenqa; wothi uhlambulukile onesibetho; usuke waba mhlophe wonke ephela, uhlambulukile.

Ilevitikus 13