Ilevitikus 13:6-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Umbingeleli wophinda amkhangele ngomhla wesixhenxe; O! isibetho sibunile, asiqhenqethi isibetho elùswini; umbingeleli wothi uhlambulukile: kukujaduka oko. Wozihlamba iingubo zakhe; aze ahlambuluke ke.

7. Ukuba ukujaduka kuthe kwaqhenqetha kakhulu elùswini, emva kokubonakala kwakhe kumbingeleli ngenxa yokuhlanjululwa kwakhe, wophinda abonakale kumbingeleli; umbingeleli akhangele,

8. O! ukujaduka kuqhenqethile elùswini; umbingeleli wothi uyinqambi: liqhenqa ke elo.

9. Isibetho seqhenqa, xa sithe sabakho emntwini, woziswa kumbingeleli;

10. akhangele umbingeleli, O! ukufukuka kumhlophe elùswini, kulwenze unwele lwaba mhlophe, kukho inyama ekrwada, ehleliyo ekufukukeni apho:

11. liqhenqa elidala eli elùswini lwenyama yakhe; umbingeleli wothi uyinqambi; angamvaleli, ngokuba uyinqambi.

12. Ke ukuba iqhenqa lithe qwele kakhulu elùswini, iqhenqa lalugubungela lonke ulùsu lonesibetho, lathabathela entloko lesa ezinyaweni, ngokubona konke kwamehlo ombingeleli,

13. umbingeleli wokhangela; O! liyigubungele yonke inyama yakhe iqhenqa; wothi uhlambulukile onesibetho; usuke waba mhlophe wonke ephela, uhlambulukile.

14. Ke ngomhla ebonakeleyo kuye inyama ekrwada, uyinqambi.

15. Aze ayikhangele umbingeleli inyama ekrwada, athi uyinqambi; inyama ekrwada iyinqambi: liqhenqa ke elo.

16. Naxa ithe yabuya inyama ekrwada, yasuka yaba mhlophe, woza kumbingeleli;

17. umbingeleli amkhangele, O! sisuke isibetho saba mhlophe, umbingeleli wothi uhlambulukile onesibetho; uhlambulukile ke yena.

Ilevitikus 13