Ilevitikus 13:33-49 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. wozicheba, kodwa angayichebi indawo edlathukileyo; aphinde umbingeleli amvalele imihla esixhenxe onendawo edlathukileyo.

34. Umbingeleli akukukhangela ngomhla wesixhenxe ukudlathuka, O! ukudlathuka akuqhenqethanga elùswini, ukubonakala kwako kungathanga gangqa elùswini, umbingeleli wothi uhlambulukile. Wozihlamba iingubo zakhe, ahlambuluke ke.

35. Ukuba ukudlathuka kuthe kwaqhenqetha kakhulu elùswini emveni kokuhlanjululwa kwakhe, wakukhangela umbingeleli,

36. O! ukudlathuka kuqhenqethile elùswini, umbingeleli akasayi kuba saphicotha lunwele lulubhelu: uyinqambi yena.

37. Ukuba kusuke kwema ukudlathuka emehlweni akhe, kwakhula unwele olumnyama kuko, kupholile ukudlathuka, uhlambulukile; umbingeleli wothi uhlambulukile.

38. Xa kuthe kwakho kwindoda nakwinkazana elùswini lwenyama yayo amatshatshazi, amatshatshazi amhlophe, wakhangela umbingeleli,

39. O! amatshatshazi elùswini lwenyama yabo akanabumhlophe: litshanda elo, lithe qwele elùswini; uhlambulukile.

40. Indoda xa ithe intloko yayo yaguda: yinkqayi leyo, uhlambulukile.

41. Ukuba ithe yaguda intloko yayo, yathabathela ecaleni lobuso bayo: yimpandla leyo, uhlambulukile.

42. Xa kuthe kwakho enkqayini, nokuba kusempandleni, isibetho esimhlophe sayingqombela: liqhenqa elo elithe qwele enkqayini yakhe, nokuba kusempandleni yakhe.

43. Umbingeleli womkhangela, O! ukufukuka kweso sibetho kumhlophe, kwayingqombela, enkqayini yakhe nokuba kusempandleni yakhe, ngokubonakala kweqhenqa lolùsu lwenyama:

44. yindoda eneqhenqa leyo, iyinqambi. Umbingeleli wothi iyinqambi kuphele; isibetho sayo sisentlokweni yayo.

45. Lowo uneqhenqa, lowo sikuye isibetho, zokrazulwa iingubo zakhe, ziyekwe iinwele ziyakazele, azigqubuthele iindevu, adanduluke, esithi, Ndiyinqambi, ndiyinqambi!

46. Yonke imihla esikhoyo kuye isibetho, woba yinqambi kuphele, ahlale yedwa ngaphandle kweminquba, ukuhlala kwakhe.

47. Ingubo xa sithe sabakho kuyo isibetho seqhenqa, engutyeni yoboya nasengutyeni yelinen,

48. naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, lwelinen noloboya, nasesikhumbeni, nasezintweni zonke ezenziwe ngesikhumba;

49. ukuba isibetho eso siba buhlazarha, nokuba siba yingqombela engutyeni, nasesikhumbeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasemphaleni yonke yesikhumba: sisibetho seqhenqa eso.

Ilevitikus 13