30. O! sithe gangqa elùswini ukubonakala kwaso, kukho unwele kuso olulubhelu olomileyo, umbingeleli wothi iyinqambi: kukudlathuka kweenwele oko, liqhenqa lasentloko, nokuba lelasesilevini elo.
31. Xa athe umbingeleli wasikhangela isibetho sokudlathuka kweenwele, O! asithe gangqa elùswini ukubonakala kwaso, kungekho lunwele lulubhelu kuso, umbingeleli womvalela onesibetho sokudlathuka kweenwele imihla esixhenxe.
32. Umbingeleli xa athe wamkhangela onesibetho ngomhla wesixhenxe, O! ukudlathuka akuqhenqethanga, akwabakho lunwele lulubhelu kuye, ukubonakala kokudlathuka kungathanga gangqa elùswini,
33. wozicheba, kodwa angayichebi indawo edlathukileyo; aphinde umbingeleli amvalele imihla esixhenxe onendawo edlathukileyo.
34. Umbingeleli akukukhangela ngomhla wesixhenxe ukudlathuka, O! ukudlathuka akuqhenqethanga elùswini, ukubonakala kwako kungathanga gangqa elùswini, umbingeleli wothi uhlambulukile. Wozihlamba iingubo zakhe, ahlambuluke ke.
35. Ukuba ukudlathuka kuthe kwaqhenqetha kakhulu elùswini emveni kokuhlanjululwa kwakhe, wakukhangela umbingeleli,
36. O! ukudlathuka kuqhenqethile elùswini, umbingeleli akasayi kuba saphicotha lunwele lulubhelu: uyinqambi yena.
37. Ukuba kusuke kwema ukudlathuka emehlweni akhe, kwakhula unwele olumnyama kuko, kupholile ukudlathuka, uhlambulukile; umbingeleli wothi uhlambulukile.
38. Xa kuthe kwakho kwindoda nakwinkazana elùswini lwenyama yayo amatshatshazi, amatshatshazi amhlophe, wakhangela umbingeleli,
39. O! amatshatshazi elùswini lwenyama yabo akanabumhlophe: litshanda elo, lithe qwele elùswini; uhlambulukile.
40. Indoda xa ithe intloko yayo yaguda: yinkqayi leyo, uhlambulukile.
41. Ukuba ithe yaguda intloko yayo, yathabathela ecaleni lobuso bayo: yimpandla leyo, uhlambulukile.
42. Xa kuthe kwakho enkqayini, nokuba kusempandleni, isibetho esimhlophe sayingqombela: liqhenqa elo elithe qwele enkqayini yakhe, nokuba kusempandleni yakhe.
43. Umbingeleli womkhangela, O! ukufukuka kweso sibetho kumhlophe, kwayingqombela, enkqayini yakhe nokuba kusempandleni yakhe, ngokubonakala kweqhenqa lolùsu lwenyama:
44. yindoda eneqhenqa leyo, iyinqambi. Umbingeleli wothi iyinqambi kuphele; isibetho sayo sisentlokweni yayo.