24. Ke inyama, xa kuthe kwakho elùswini lwayo umtshiso womlilo, kwathi ukuphola komtshiso kwaba litshatshazi elifuna ukuba yingqombela, nokuba limhlophe kanye,
25. walikhangela umbingeleli itshatshazi, O! lusuke lwamhlophe unwele etshatshazini, libonakala lithe gangqa elùswini: liqhenqa ke elo; lithe qwele emtshisweni. Umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho seqhenqa ke eso.
26. Ukuba uthe wakhangela umbingeleli, O! akukho lunwele lumhlophe etshatshazini, alithe gangqa elùswini, libunile: umbingeleli womvalela imihla esixhenxe;
27. akhangele umbingeleli ngomhla wesixhenxe; ukuba lithe laqhenqetha kakhulu elùswini, umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho seqhenqa ke eso.
28. Ke ukuba itshatshazi lithe lema endaweni yalo, alaqhenqetha elùswini, lisuke labuna: kukufukuka komtshiso oko. Umbingeleli wothi uhlambulukile; kuba kukuqulungana komtshiso oko.
29. Xa kuthe kwakho isibetho kwindoda nenkazana entloko, nokuba kusesilevini; wasikhangela umbingeleli isibetho,
30. O! sithe gangqa elùswini ukubonakala kwaso, kukho unwele kuso olulubhelu olomileyo, umbingeleli wothi iyinqambi: kukudlathuka kweenwele oko, liqhenqa lasentloko, nokuba lelasesilevini elo.
31. Xa athe umbingeleli wasikhangela isibetho sokudlathuka kweenwele, O! asithe gangqa elùswini ukubonakala kwaso, kungekho lunwele lulubhelu kuso, umbingeleli womvalela onesibetho sokudlathuka kweenwele imihla esixhenxe.
32. Umbingeleli xa athe wamkhangela onesibetho ngomhla wesixhenxe, O! ukudlathuka akuqhenqethanga, akwabakho lunwele lulubhelu kuye, ukubonakala kokudlathuka kungathanga gangqa elùswini,
33. wozicheba, kodwa angayichebi indawo edlathukileyo; aphinde umbingeleli amvalele imihla esixhenxe onendawo edlathukileyo.
34. Umbingeleli akukukhangela ngomhla wesixhenxe ukudlathuka, O! ukudlathuka akuqhenqethanga elùswini, ukubonakala kwako kungathanga gangqa elùswini, umbingeleli wothi uhlambulukile. Wozihlamba iingubo zakhe, ahlambuluke ke.
35. Ukuba ukudlathuka kuthe kwaqhenqetha kakhulu elùswini emveni kokuhlanjululwa kwakhe, wakukhangela umbingeleli,
36. O! ukudlathuka kuqhenqethile elùswini, umbingeleli akasayi kuba saphicotha lunwele lulubhelu: uyinqambi yena.
37. Ukuba kusuke kwema ukudlathuka emehlweni akhe, kwakhula unwele olumnyama kuko, kupholile ukudlathuka, uhlambulukile; umbingeleli wothi uhlambulukile.