10. akhangele umbingeleli, O! ukufukuka kumhlophe elùswini, kulwenze unwele lwaba mhlophe, kukho inyama ekrwada, ehleliyo ekufukukeni apho:
11. liqhenqa elidala eli elùswini lwenyama yakhe; umbingeleli wothi uyinqambi; angamvaleli, ngokuba uyinqambi.
12. Ke ukuba iqhenqa lithe qwele kakhulu elùswini, iqhenqa lalugubungela lonke ulùsu lonesibetho, lathabathela entloko lesa ezinyaweni, ngokubona konke kwamehlo ombingeleli,
13. umbingeleli wokhangela; O! liyigubungele yonke inyama yakhe iqhenqa; wothi uhlambulukile onesibetho; usuke waba mhlophe wonke ephela, uhlambulukile.
14. Ke ngomhla ebonakeleyo kuye inyama ekrwada, uyinqambi.
15. Aze ayikhangele umbingeleli inyama ekrwada, athi uyinqambi; inyama ekrwada iyinqambi: liqhenqa ke elo.
16. Naxa ithe yabuya inyama ekrwada, yasuka yaba mhlophe, woza kumbingeleli;
17. umbingeleli amkhangele, O! sisuke isibetho saba mhlophe, umbingeleli wothi uhlambulukile onesibetho; uhlambulukile ke yena.
18. Ke inyama, xa kuthe kwakho kuyo elùswini lwayo ithumba, laphola;
19. kwabakho endaweni yethumba ukufukuka okumhlophe, nokuba litshatshazi elifuna ukuba yingqombela, wobonakala kumbingeleli;
20. akhangele umbingeleli, O! libonakala lithe gangqa elùswini, unwele lwalo lusuke lwamhlophe; umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho seqhenqa eso, sithe qwele ethumbeni.
21. Ukuba umbingeleli uthe wakhangela, O! akukho lunwele lumhlophe kulo, alithe gangqa alùswini libunile, umbingeleli womvalela imihla esixhenxe.
22. Ke ukuba lithe laqhenqetha kakhulu elùswini, umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho eso.
23. Ke ukuba itshatshazi lithe lema endaweni yalo, alaqhenqetha: kukuqulungana kwethumba oko; umbingeleli wothi uhlambulukile.
24. Ke inyama, xa kuthe kwakho elùswini lwayo umtshiso womlilo, kwathi ukuphola komtshiso kwaba litshatshazi elifuna ukuba yingqombela, nokuba limhlophe kanye,
25. walikhangela umbingeleli itshatshazi, O! lusuke lwamhlophe unwele etshatshazini, libonakala lithe gangqa elùswini: liqhenqa ke elo; lithe qwele emtshisweni. Umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho seqhenqa ke eso.
26. Ukuba uthe wakhangela umbingeleli, O! akukho lunwele lumhlophe etshatshazini, alithe gangqa elùswini, libunile: umbingeleli womvalela imihla esixhenxe;
27. akhangele umbingeleli ngomhla wesixhenxe; ukuba lithe laqhenqetha kakhulu elùswini, umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho seqhenqa ke eso.