Ilevitikus 13:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,

2. Umntu xa kuthe kwakho elùswini lwenyama yakhe ukufukuka, nokuba kukujaduka, nokuba litshatshazi, laba sisibetho seqhenqa elùswini lwenyama yakhe, woziswa kuAron umbingeleli, nokuba kukomnye woonyana bakhe ababingeleli.

3. Wosikhangela umbingeleli isebetho elùswini lwenyama yakhe; ukuba luthe unwele esibethweni lwasuka lwaba mhlophe, sabonakala isibetho sithe gangqa elùswini lwenyama yakhe: sisibetho seqhenqa eso; womkhangela umbingeleli, athi uyinqambi.

4. Ukuba itshatshazi lithe lamhlophe elùswini lwenyama yakhe, alabonakala lithe gangqa elùswini, alwasuka lwaba mhlophe unwele lwalo, umbingeleli womvalela onesibetho imihla esixhenxe;

5. umbingeleli amkhangele ngomhla wesixhenxe; O! isibetho simi emehlweni akhe, asiqhenqethi isibetho elùswini; wophinda umbingeleli amvalele imihla esixhenxe.

6. Umbingeleli wophinda amkhangele ngomhla wesixhenxe; O! isibetho sibunile, asiqhenqethi isibetho elùswini; umbingeleli wothi uhlambulukile: kukujaduka oko. Wozihlamba iingubo zakhe; aze ahlambuluke ke.

7. Ukuba ukujaduka kuthe kwaqhenqetha kakhulu elùswini, emva kokubonakala kwakhe kumbingeleli ngenxa yokuhlanjululwa kwakhe, wophinda abonakale kumbingeleli; umbingeleli akhangele,

Ilevitikus 13