39. Xa kuthe kwafa nto izitho ziné idliwayo nini, lowo usichukumisayo isidumbu sayo woba yinqambi, ahlwise.
40. Lowo udlayo esidumbini sayo, wozihlamba iingubo zakhe, abe yinqambi, ahlwise; nalowo ususa isidumbu sayo, wozihlamba iingubo zakhe, abe yinqambi, ahlwise.
41. Yonke inyakanyaka enyakazela emhlabeni inezothe; mayingadliwa.
42. Zonke izinto ezihamba ngesisu, neento zonke ezihamba nganyawo-né, kude kuse kwiinto zonke ezineenyawo ezininzi, enyakanyakeni yonke enyakazelayo emhlabeni, ize ningazidli; ngokuba zinezothe.
43. Musani ukuyenza imiphefumlo yenu ibe nezothe ngenyakanyaka yonke enyakazelayo, ize ningazenzi inqambi ngayo, nibe yinqambi ngayo.
44. Ngokuba ndinguYehova uThixo wenu, ze nizingcwalise nibe ngcwele; ngokuba ndiyiNgcwele; ize ningayenzi iinqambi imiphefumlo yenu ngenyakanyaka yonke enambuzelayo emhlabeni.
45. Ngokuba ndinguYehova oninyuse ezweni laseYiputa, ukuba ndibe nguThixo wenu; ize nibe ngcwele, ngokuba ndiyiNgcwele.
46. Nguwo lowo umyalelo weento ezizitho ziné, neentaka, nemiphefumlo yonke ephilileyo enambuzelayo emanzini, nemiphefumlo yonke enyakazelayo emhlabeni;
47. woyahlula eyinqambi kwehlambulukileyo, nento ephilileyo edliwayo kwinto ephilileyo engàdliwayo.