Ilevitikus 11:35-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

35. Into yonke ethe yawelwa nayindawoni na yesidumbu sazo, yoba yinqambi; nokuba liziko lezonka, nokuba ngungxawu, ize yaphulwe; iyinqambi, yoba yinqambi kuni.

36. Kodwa umthombo nequla elinentlanganisela yamanzi lohlambuluka; osichukumisayo isidumbu sazo woba yinqambi.

37. Xa kuthe kwawa nandawoni yesidumbu sazo embewini yonke ehlwayelwayo, eza kuhlwayelwa, yohlambuluka yona.

38. Xa kuthe kwagalelwa amanzi embewini, kwawa nandawoni yesidumbu sazo phezu kwayo, yoba yinqambi kuni.

39. Xa kuthe kwafa nto izitho ziné idliwayo nini, lowo usichukumisayo isidumbu sayo woba yinqambi, ahlwise.

Ilevitikus 11