Ilevitikus 11:28-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Lowo ususa isidumbu sazo, wohlamba iingubo zakhe, abe yinqambi ahlwise; ziinqambi zona kuni.

29. Zezi ezoba ziinqambi kuni enyakanyakeni enyakazela emhlabeni: igala, nempuku, noxam ngohlobo lwakhe;

30. nentulo, necilishe, norhoqotyeni, noqebeyi, nolovane.

31. Zezo eziziinqambi kuni enyakanyakeni yonke; bonke abazichukumisayo ezifileyo kuzo, boba ziinqambi, bahlwise.

32. Izinto zonke ezithe zawelwa yenye yazo ifîle, zoba ziinqambi: nokuba ziimpahla zonke zemithi, nokuba ziingubo, nokuba zizikhumba, nokuba ziingxowa, zonke iimpahla ekusetyenzwa ngazo, zonyiwa emanzini, zibe ziinqambi, zihlwise; zize zihlambuluke ke.

33. Iimpahla zonke zomdongwe, ethe yeyela kuzo enye yazo, zoba ziinqambi zonke izinto eziphakathi kwazo; noziqhekeza ke.

34. Konke ukudla okudliwayo, okufikiweyo ngamanzi akwezo mpahla, koba yinqambi; nento yonke eselwayo ngezo mpahla zonke, yoba yinqambi.

35. Into yonke ethe yawelwa nayindawoni na yesidumbu sazo, yoba yinqambi; nokuba liziko lezonka, nokuba ngungxawu, ize yaphulwe; iyinqambi, yoba yinqambi kuni.

36. Kodwa umthombo nequla elinentlanganisela yamanzi lohlambuluka; osichukumisayo isidumbu sazo woba yinqambi.

37. Xa kuthe kwawa nandawoni yesidumbu sazo embewini yonke ehlwayelwayo, eza kuhlwayelwa, yohlambuluka yona.

Ilevitikus 11