Ilevitikus 11:13-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Zezi ezintakeni ezoba nezothe kuni; zezingadliwa, zinezothe zona: ixhalanga,

14. nosilwangangubo, nonomakhwezana;

15. noontloyiya ngohlobo lwabo; nehlungulu lonke ngohlobo lwalo;

16. nenciniba, nesihuluhulu, nengabangaba, nentambanane ngohlobo lwayo;

17. nesikhova, nogwidi, nefubesi,

18. nenkuku yamanzi, nengcwangube, nenkqo;

19. nengwamza, nokhwalimanzi ngohlobo lwakhe, nobhobhoyi, nelulwane.

Ilevitikus 11