Ilevitikus 10:9-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Musa ukusela wayini nasiselo sinxilisayo, wena noonyana bakho kunye nawe, ekungeneni kwenu ententeni yokuhlangana, ukuze ningafi. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu ke lowo;

10. ukuze kwahlulwe okungcwele kokuhlambelayo, nokuyinqambi kokuhlambulukileyo;

11. nokuze bayalwe oonyana bakaSirayeli ngemimiselo yonke awayithethayo uYehova kubo ngoMoses.

12. Wathetha uMoses kuAron, nakuElazare nakuItamare, oonyana bakhe abaselayo, wathi, Thabathani umnikelo wokudla oseleyo ekudleni kwasemlilweni kukaYehova, niwudle ungenagwele ecaleni lesibingelelo; kuba uyingcwele kangcwele lowo.

13. Nize niwudle endaweni engcwele, kuba úmiselwe wena, úmiselwe oonyana bakho, ekudleni kwasemlilweni kukaYehova; kuba ndiwiselwe umthetho ngokunjalo.

14. Ke incum yomtshangatshangiso nomlenze womrhumo, ezo nto nozidla endaweni emhlophe, wena noonyana bakho neentombi zakho kunye nawe; kuba zimiselwe wena, zimiselwe oonyana bakho; zenizinikiweyo emibingelelweni yoxolo yoonyana bakaSirayeli.

15. Umlenze womrhumo nencum yomtshangatshangiso yoziswa nokudla kwasemlilweni kwamanqatha, ukuba itshangatshangiswe ibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, ibe ngowakho noonyana bakho kunye nawe; ibe ngummiselo ongunaphakade, njengoko uYehova wawisayo umthetho.

16. Ibhokhwe yedini lesono wayifuna kunene uMoses. Yini? Itshisiwe. Waba noburhalarhume ngakuElazare noItamare, oonyana baka-Aaron abaseleyo, esithi,

17. Kutheni na le nto ningalidlanga idini lesono endaweni engcwele? Kuba liyingcwele kangcwele; uniniké lona ukuze nibuthwale ubugwenxa bebandla, ukuze nilicamagushele phambi koYehova.

18. Yabonani, alingeniswanga igazi lalo engcweleni phakathi; ninge nilidlile okunene engcweleni, njengoko ndawisa umthetho.

19. Wathetha uAron kuMoses, esithi, Yabona, namhlanje basondeze idini labo lesono, nedini labo elinyukayo phambi koYehova; ndahlelwa zezi zinto. Ukuba bendilidlile idini lesono namhla, bekuya kulunga yini na emehlweni kaYehova?

20. Weva uMoses; kwalunga emehlweni akhe.

Ilevitikus 10