Ilevitikus 1:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UYehova wambiza uMoses, wathetha kuye ententeni yokuhlangana, esithi,

2. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa umntu kuni asondeza kuYehova umsondezo wasezintweni ezizitho ziné, nowusondeza loo msondezo wenu niwuthabatha ezinkomeni nasempahleni emfutshane.

3. Ukuba umsondezo wakhe ulidini elinyukayo lasezinkomeni, wósondeza inkomo eliduna eligqibeleleyo emnyango wentente yokuhlangana, alisondeze ukuba limkholekise phambi koYehova.

4. Wocinezela ngesandla sakhe phezu kwentloko yedini elo linyukayo, limkholekise, limcamagushele;

Ilevitikus 1