Ilevitikus 1:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UYehova wambiza uMoses, wathetha kuye ententeni yokuhlangana, esithi,

2. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa umntu kuni asondeza kuYehova umsondezo wasezintweni ezizitho ziné, nowusondeza loo msondezo wenu niwuthabatha ezinkomeni nasempahleni emfutshane.

3. Ukuba umsondezo wakhe ulidini elinyukayo lasezinkomeni, wósondeza inkomo eliduna eligqibeleleyo emnyango wentente yokuhlangana, alisondeze ukuba limkholekise phambi koYehova.

4. Wocinezela ngesandla sakhe phezu kwentloko yedini elo linyukayo, limkholekise, limcamagushele;

5. alixhele ithole elo lenkomo phambi koYehova. Oonyana baka-Aron, ababingeleli, bolisondeza igazi balitshize, bajikelezise esibingelelweni esisemnyango wentente yokuhlangana.

6. Makalihlinze indini elinyukayo, alityatye;

7. oonyana baka-Aron umbingeleli babeke umlilo phezu kwesibingelelo, bacwangcise iinkuni phezu komlilo;

8. bazicwangcise oonyana baka-Aron, ababingeleli, iinyama ezo, nentloko, nenqatha, phezu kweenkuni eziphezu komlilo ophezu kwesibingelelo.

9. Ke zona izibilini zalo, neentungo zalo mazihlanjwe ngamanzi, aqhumisele ngezo nto zonke umbingeleli esibingelelweni. Lidini elinyukayo, kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.

10. Ukuba umsondezo wakhe ngowasempahleni emfutshane, nokuba kusezigusheni, nokuba kusezibhokhweni, úlidini elinyukayo, wósondeza iduna eligqibeleleyo;

11. alixhelele ecaleni lesibingelelo ngasentla phambi koYehova; bathi oonyana baka-Aron, ababingeleli, balitshize igazi lalo bajikelezise esibingelelweni;

12. alityatye, kwanentloko yalo nenqatha lalo, azicwangcise ezo nto umbingeleli phezu kweenkuni eziphezu komlilo ophezu kwesibingelelo;

Ilevitikus 1