3. Balisani ezintlangeni uzuko lwakhe, Balisani ezizweni zonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo;
4. Ngokuba mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene;Uyoyikeka yena ngaphezu koothixo bonke.
5. Ngokuba bonke oothixo bezizwe àbanto zanto;UYehova yena wenza amazulu.
6. Yindili nobungangamela phambi kwakhe,Ngamandla nokuhomba engcweleni yakhe.
7. Mnikeni uYehova, nina mizalwane yezizwe,Mnikeni uYehova uzuko namandla;
8. Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe;Thwalani umnikelo, nize ezintendelezweni zakhe.
9. Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele,Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi.