1. Vumani kuYehova ingoma entsha,Vumani kuYehova, nonke hlabathi.
2. Vumani kuYehova, bongani igama lakhe,Shumayelani iimini ngeemini iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe.
3. Balisani ezintlangeni uzuko lwakhe, Balisani ezizweni zonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo;
4. Ngokuba mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene;Uyoyikeka yena ngaphezu koothixo bonke.