Iindumiso 95:8-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Musani ukuyenza lukhuni intliziyo yenu, njengaseMeribha,*Njengemini yaseMasa entlango;

9. Oko bandilingáyo ooyihlo.Bandicikida, bewubona umsebenzi wam.

10. Iminyaka yaba ngamashumi amané ndikruqukile sesi sizukulwana,Ndathi, Ngabantu abantliziyo zindwendwayo,Àbazazi iindlela zam bona;

11. Endada ndafunga ndinomsindo, ukuthi,Inene, abasayi kungena ekuphumleni kwam.

Iindumiso 95