Iindumiso 94:8-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Qondani, nina bazizityhakala ebantwini;Nina zinyabi, niya kuqiqa nini na?

9. Omilisele indlebe, akayi kuva na?Obumbe iliso, akayi kukhangela na?

10. Umthethisi weentlanga akayi kohlwaya na,Ulofundisa abantu ukwazi?

11. UYehova ngumazi weengcinga zabantu,Ukuba zingumphunga.

12. Hayi, uyolo lwendoda oyithethisayo, Yehova,Oyifundisayo ngomyalelo wakho;

13. Ukuba uyizolise eziminini zobubi,Ade ambelwe isihogo ongendawo.

14. Ngokuba uYehova akabalahli abantu bakhe,Akalishiyi ilifa lakhe.

15. Ngokuba isiko liya kubuyela ebulungiseni,Balilandele bonke abantliziyo zithe tye.

16. Ngubani na oya kusukela phezulu kubo abanobubi, ngenxa yam?Ngubani na oya kumelana nabasebenzi bobutshinga, ngenxa yam?

Iindumiso 94