Iindumiso 94:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Thixo wempindezelo, Yehova,Thixo wempindezelo, bengezela!

2. Phakama, Mgwebi wehlabathi!Bábuyisele impatho yabo abanekratshi.

3. Kunini na abangendawo, Yehova,Kunini na abangendawo bevuyelela?

4. Balephuza amagwebu, bathetha ngokusa,Bayandolosa bonke abasebenzi bobutshinga.

5. Batyumza abantu bakho, Yehova,Bacinezela ilifa lakho.

6. Babulala umhlolokazi nowasemzini,Bancinitha inkedama.

7. Bathi ke, Akaboni uYehova,Akagqali uThixo kaYakobi.

8. Qondani, nina bazizityhakala ebantwini;Nina zinyabi, niya kuqiqa nini na?

9. Omilisele indlebe, akayi kuva na?Obumbe iliso, akayi kukhangela na?

10. Umthethisi weentlanga akayi kohlwaya na,Ulofundisa abantu ukwazi?

Iindumiso 94