7. Ekudubuleni kongendawo njengomfuno,Ekutyatyambeni kwabasebenzi bonke bobutshinga,Kukuze batshabalale ngonaphakade.
8. Ke wena, Yehova, ungophezulu ngonaphakade.
9. Ngokuba ùyabona, iintshaba zakho, Yehova,Ngokuba ùyabona, iintshaba zakho ziya kutshabalala;Baya kuchithwa-chithwa bonke abasebenzi bobutshinga.
10. Ùyaluphakamisa uphondo lwam njengolwenqu;Ndigalélwe ioli entsha.
11. Iliso lam liyababonela abandilalelayo,Indlebe yam iyabeva abasukela phezulu kum benobubi.
12. Amalungisa aya kudubula njengesundu,Aya kukhula njengomsedare* weLebhanon.
13. Etyelwe nje endlwini kaYehova,Aya kutyatyamba ezintendelezweni zoThixo wethu.
14. Aya kuhluma eselenezimvi,Aya kuba etyebile, eluhlaza;
15. Ukuze axele ukuba uthe tye uYehova,Uliwa lam, kungekho bugqwetha kuye.