Iindumiso 92:10-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ùyaluphakamisa uphondo lwam njengolwenqu;Ndigalélwe ioli entsha.

11. Iliso lam liyababonela abandilalelayo,Indlebe yam iyabeva abasukela phezulu kum benobubi.

12. Amalungisa aya kudubula njengesundu,Aya kukhula njengomsedare* weLebhanon.

13. Etyelwe nje endlwini kaYehova,Aya kutyatyamba ezintendelezweni zoThixo wethu.

14. Aya kuhluma eselenezimvi,Aya kuba etyebile, eluhlaza;

15. Ukuze axele ukuba uthe tye uYehova,Uliwa lam, kungekho bugqwetha kuye.

Iindumiso 92