1. Nkosi yam, ulikhaya wena kuthi,Isizukulwana ngesizukulwana.
2. Kungekazalwa zintaba,Ùngekavelisi mhlaba, nazwe limiweyo,Kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, wena unguThixo.
3. Ùmbuyisela umntu eluthulini,Ùthi, Buyani, nyana babantu.
4. Ngokuba iwaka leminyaka emehlweni akhoLinjengemini yezolo, xa idluleyo,Linjengomlindo wasebusuku.
5. Uyabakhukulisa, balale;Ngengomso babuya bahlume njengotyani.
6. Ngomso butyatyamba, bubuye buhlume;Ngokuhlwa buyasikwa bome.
7. Ngokuba sìyaphela ngumsindo wakho,Sikhwankqiswe bubushushu bakho.
8. Ububeke ubugwenxa bethu phambi kwakho,Nesibufihlileyo ububeka ekukhanyiseleni kobuso bakho.
9. Ngokuba yonke imihla yethu isangene ngokuphuphuma komsindo wakho,Siyiphelisile iminyaka yethu njengentsebezo.