Iindumiso 90:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Nkosi yam, ulikhaya wena kuthi,Isizukulwana ngesizukulwana.

2. Kungekazalwa zintaba,Ùngekavelisi mhlaba, nazwe limiweyo,Kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, wena unguThixo.

3. Ùmbuyisela umntu eluthulini,Ùthi, Buyani, nyana babantu.

Iindumiso 90