Iindumiso 9:3-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ekubuyeni kweentshaba zam umva,Ziyawa, zibhubhe ebusweni bakho.

4. Ngokuba ùlifezile ityala lam nebango lam;Ùhleli etroneni ungumgwebi olilungisa.

5. Ùzikhalimele iintlanga, wabatshabalalisa abangendawo;Igama lazo ùlicimile ngonaphakade kanaphakade.

6. Iintshaba zona zigqibele, yangamanxuwa kwaphela;Imizi ùyinyothule,Yadaka inkumbulo yayo yona.

Iindumiso 9