1. Ndiya kubulela kuYehova ngentliziyo yam yonke;Ndiya kuyibalisa yonke imisebenzi yakho ebalulekileyo.
2. Ndiya kuvuya ndidlamke ngawe;Ndiya kulibethela uhadi igama lakho,Wena usenyangweni.
3. Ekubuyeni kweentshaba zam umva,Ziyawa, zibhubhe ebusweni bakho.
4. Ngokuba ùlifezile ityala lam nebango lam;Ùhleli etroneni ungumgwebi olilungisa.
5. Ùzikhalimele iintlanga, wabatshabalalisa abangendawo;Igama lazo ùlicimile ngonaphakade kanaphakade.
6. Iintshaba zona zigqibele, yangamanxuwa kwaphela;Imizi ùyinyothule,Yadaka inkumbulo yayo yona.