7. UThixo ongowokungcangcazelelwa ebhungeni elikhulu labangcwele,Ongofanelwe kukoyikwa ngaphezu kwabo bonke abamngqongileyo?
8. Yehova, Thixo wemikhosi,Ngubani na onjengawe, oluqilima, Yehova?Ukuthembeka kwakho kukungqongile.
9. Nguwena mlawuli wekratshi lolwandle;Ekuphakameni kwamaza alo uyawadambisa.
10. Nguwena mtyumzi kaRahabhi njengongxwelerhiweyo,Wazithi saa iintshaba zakho ngengalo yakho eqinileyo.
11. Lelakho izulu, likwalelakho ihlabathi;Elimiweyo nenzaliseko yalo lasekwa nguwe.
12. Umntla nomzantsi wadalwa nguwe;ITabhore neHermon zimemelela ngegama lakho.
13. Yeyakho ingalo enobugorha;SÃthe nkqi isandla sakho, siphakamile esokunene sakho.
14. Ummiso wetrone yakho bubulungisa nokusesikweni;Inceba nenyaniso ilungiselela phambi kwakho.
15. Hayi, uyolo lwabantu abakwaziyo ukuduma!Baya kuhamba ekukhanyeni kobuso bakho, Yehova.
16. Baya kugcoba egameni lakho imini yonke,Baphakame ngobulungisa bakho.
17. Ngokuba isihombo samandla abo nguwe;Ekuthandeni kwakho, uphondo lwethu luphakamile.