29. Ndiyìmise ngonaphakade imbewu yakhe,Netrone yakhe ibe njengemihla yamazulu.
30. Ukuba bathe oonyana bakhe bawulahla umyalelo wam,Àbahamba ngamasiko am;
31. Ukuba bathe bayihlambela imimiselo yam,Àbayigcina imithetho yam:
32. Ndoluvelela ukreqo lwabo ngentonga,Nobugwenxa babo ngemivumbo.
33. Ke yona inceba yam andiyi kuyaphula kuye,Ndingaxoki ekuthembekeni kwam.
34. Andiyi kuwuhlambela umnqophiso wam,Ndiyijike into ephume emlonyeni wam.
35. Ndibufungé kwakanye ubungcwele bam, ndathi,Inene, andiyi kumxokisa uDavide;
36. Imbewu yakhe iya kubakho ngonaphakade,Netrone yakhe njengelanga phambi kwam.
37. Iya kuqiniseka njengenyanga ngonaphakade;Ingqina lasesibhakabhakeni lithembekile. (Phakamisani.)
38. Kwawena ùmhlambile, umcekisile,Ùmphuphumele ngomsindo umthanjiswa wakho;
39. Ùthe nèthe ngumnqophiso womkhonzi wakho;Ùsidyobhile emhlabeni isithsaba sakhe.
40. Ùzityhobozile zonke iintango zakhe,Ùzenze inxuwa iinqaba zakhe.
41. Bayamphanga bonke abadlula ngendlela,Waba yingcikivo kubamelwane bakhe.
42. Ùsiphakamisile isandla sokunene sabambandezelayo,Ùzivuyisile zonke iintshaba zakhe.
43. Wabuyisa nokubuyisa uhlangothi lwekrele lakhe,Akwammisa emfazweni.
44. Ùmsusile enkazimlweni yakhe,Ùyikhahlele emhlabeni itrone yakhe,
45. Ùyinqumle imihla yobutsha bakhe,Wamthi wambu ngokudana. (Phakamisani.)
46. Kunini na, Yehova, uhleli uzisithelisile,Busitsha njengomlilo ubushushu bakho?