Iindumiso 89:28-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Ndiya kumgcinela inceba yam ngonaphakade,Umnqophiso wam unyanise kuye;

29. Ndiyìmise ngonaphakade imbewu yakhe,Netrone yakhe ibe njengemihla yamazulu.

30. Ukuba bathe oonyana bakhe bawulahla umyalelo wam,Àbahamba ngamasiko am;

31. Ukuba bathe bayihlambela imimiselo yam,Àbayigcina imithetho yam:

32. Ndoluvelela ukreqo lwabo ngentonga,Nobugwenxa babo ngemivumbo.

Iindumiso 89