Iindumiso 89:24-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Inyaniso yam nenceba yam inaye;Luya kuphakama uphondo lwakhe egameni lam.

25. Ndiya kusisa elwandle isandla sakhe,EMilanjeni* esokunene sakhe.

26. Yena ukundibiza wothi, ÙnguBawo,UnguThixo wam, neliwa lokundisindisa.

27. Kananjalo mna ndiya kumenza owamazibulo,Osenyangweni kookumkani behlabathi.

28. Ndiya kumgcinela inceba yam ngonaphakade,Umnqophiso wam unyanise kuye;

29. Ndiyìmise ngonaphakade imbewu yakhe,Netrone yakhe ibe njengemihla yamazulu.

30. Ukuba bathe oonyana bakhe bawulahla umyalelo wam,Àbahamba ngamasiko am;

31. Ukuba bathe bayihlambela imimiselo yam,Àbayigcina imithetho yam:

32. Ndoluvelela ukreqo lwabo ngentonga,Nobugwenxa babo ngemivumbo.

33. Ke yona inceba yam andiyi kuyaphula kuye,Ndingaxoki ekuthembekeni kwam.

34. Andiyi kuwuhlambela umnqophiso wam,Ndiyijike into ephume emlonyeni wam.

35. Ndibufungé kwakanye ubungcwele bam, ndathi,Inene, andiyi kumxokisa uDavide;

36. Imbewu yakhe iya kubakho ngonaphakade,Netrone yakhe njengelanga phambi kwam.

37. Iya kuqiniseka njengenyanga ngonaphakade;Ingqina lasesibhakabhakeni lithembekile. (Phakamisani.)

38. Kwawena ùmhlambile, umcekisile,Ùmphuphumele ngomsindo umthanjiswa wakho;

39. Ùthe nèthe ngumnqophiso womkhonzi wakho;Ùsidyobhile emhlabeni isithsaba sakhe.

40. Ùzityhobozile zonke iintango zakhe,Ùzenze inxuwa iinqaba zakhe.

41. Bayamphanga bonke abadlula ngendlela,Waba yingcikivo kubamelwane bakhe.

42. Ùsiphakamisile isandla sokunene sabambandezelayo,Ùzivuyisile zonke iintshaba zakhe.

43. Wabuyisa nokubuyisa uhlangothi lwekrele lakhe,Akwammisa emfazweni.

44. Ùmsusile enkazimlweni yakhe,Ùyikhahlele emhlabeni itrone yakhe,

Iindumiso 89