Iindumiso 89:24-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Inyaniso yam nenceba yam inaye;Luya kuphakama uphondo lwakhe egameni lam.

25. Ndiya kusisa elwandle isandla sakhe,EMilanjeni* esokunene sakhe.

26. Yena ukundibiza wothi, ÙnguBawo,UnguThixo wam, neliwa lokundisindisa.

27. Kananjalo mna ndiya kumenza owamazibulo,Osenyangweni kookumkani behlabathi.

28. Ndiya kumgcinela inceba yam ngonaphakade,Umnqophiso wam unyanise kuye;

Iindumiso 89