Iindumiso 89:23-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Ndiya kubaqoba phambi kwakhe ababandezeli bakhe,Ndibaxabele abamthiyayo.

24. Inyaniso yam nenceba yam inaye;Luya kuphakama uphondo lwakhe egameni lam.

25. Ndiya kusisa elwandle isandla sakhe,EMilanjeni* esokunene sakhe.

26. Yena ukundibiza wothi, ÙnguBawo,UnguThixo wam, neliwa lokundisindisa.

27. Kananjalo mna ndiya kumenza owamazibulo,Osenyangweni kookumkani behlabathi.

Iindumiso 89