Iindumiso 89:22-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Utshaba aluyi kumqubula;Nonyana wobugqwetha akayi kumcinezela.

23. Ndiya kubaqoba phambi kwakhe ababandezeli bakhe,Ndibaxabele abamthiyayo.

24. Inyaniso yam nenceba yam inaye;Luya kuphakama uphondo lwakhe egameni lam.

25. Ndiya kusisa elwandle isandla sakhe,EMilanjeni* esokunene sakhe.

26. Yena ukundibiza wothi, ÙnguBawo,UnguThixo wam, neliwa lokundisindisa.

27. Kananjalo mna ndiya kumenza owamazibulo,Osenyangweni kookumkani behlabathi.

28. Ndiya kumgcinela inceba yam ngonaphakade,Umnqophiso wam unyanise kuye;

29. Ndiyìmise ngonaphakade imbewu yakhe,Netrone yakhe ibe njengemihla yamazulu.

30. Ukuba bathe oonyana bakhe bawulahla umyalelo wam,Àbahamba ngamasiko am;

31. Ukuba bathe bayihlambela imimiselo yam,Àbayigcina imithetho yam:

32. Ndoluvelela ukreqo lwabo ngentonga,Nobugwenxa babo ngemivumbo.

33. Ke yona inceba yam andiyi kuyaphula kuye,Ndingaxoki ekuthembekeni kwam.

34. Andiyi kuwuhlambela umnqophiso wam,Ndiyijike into ephume emlonyeni wam.

Iindumiso 89