22. Utshaba aluyi kumqubula;Nonyana wobugqwetha akayi kumcinezela.
23. Ndiya kubaqoba phambi kwakhe ababandezeli bakhe,Ndibaxabele abamthiyayo.
24. Inyaniso yam nenceba yam inaye;Luya kuphakama uphondo lwakhe egameni lam.
25. Ndiya kusisa elwandle isandla sakhe,EMilanjeni* esokunene sakhe.
26. Yena ukundibiza wothi, ÙnguBawo,UnguThixo wam, neliwa lokundisindisa.
27. Kananjalo mna ndiya kumenza owamazibulo,Osenyangweni kookumkani behlabathi.
28. Ndiya kumgcinela inceba yam ngonaphakade,Umnqophiso wam unyanise kuye;
29. Ndiyìmise ngonaphakade imbewu yakhe,Netrone yakhe ibe njengemihla yamazulu.
30. Ukuba bathe oonyana bakhe bawulahla umyalelo wam,Àbahamba ngamasiko am;
31. Ukuba bathe bayihlambela imimiselo yam,Àbayigcina imithetho yam:
32. Ndoluvelela ukreqo lwabo ngentonga,Nobugwenxa babo ngemivumbo.
33. Ke yona inceba yam andiyi kuyaphula kuye,Ndingaxoki ekuthembekeni kwam.
34. Andiyi kuwuhlambela umnqophiso wam,Ndiyijike into ephume emlonyeni wam.