19. Wakha wathetha ngombono kowenceba wakho, wathi,Ndibeké uncedo egorheni,Ndiphakamisé indodana ebantwini.
20. Ndifumene uDavide umkhonzi wam;Ndimthambisile ngeoli yam engcwele,
21. Esiya kuqinisela kuye isandla sam,Nengalo yam imkhaliphise.
22. Utshaba aluyi kumqubula;Nonyana wobugqwetha akayi kumcinezela.
23. Ndiya kubaqoba phambi kwakhe ababandezeli bakhe,Ndibaxabele abamthiyayo.
24. Inyaniso yam nenceba yam inaye;Luya kuphakama uphondo lwakhe egameni lam.
25. Ndiya kusisa elwandle isandla sakhe,EMilanjeni* esokunene sakhe.
26. Yena ukundibiza wothi, ÙnguBawo,UnguThixo wam, neliwa lokundisindisa.
27. Kananjalo mna ndiya kumenza owamazibulo,Osenyangweni kookumkani behlabathi.