Iindumiso 89:18-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Ngokuba ikuYehova ingweletshetshe yethu,UkoyiNgcwele kaSirayeli ukumkani wethu.

19. Wakha wathetha ngombono kowenceba wakho, wathi,Ndibeké uncedo egorheni,Ndiphakamisé indodana ebantwini.

20. Ndifumene uDavide umkhonzi wam;Ndimthambisile ngeoli yam engcwele,

21. Esiya kuqinisela kuye isandla sam,Nengalo yam imkhaliphise.

22. Utshaba aluyi kumqubula;Nonyana wobugqwetha akayi kumcinezela.

23. Ndiya kubaqoba phambi kwakhe ababandezeli bakhe,Ndibaxabele abamthiyayo.

24. Inyaniso yam nenceba yam inaye;Luya kuphakama uphondo lwakhe egameni lam.

25. Ndiya kusisa elwandle isandla sakhe,EMilanjeni* esokunene sakhe.

26. Yena ukundibiza wothi, ÙnguBawo,UnguThixo wam, neliwa lokundisindisa.

Iindumiso 89