15. Hayi, uyolo lwabantu abakwaziyo ukuduma!Baya kuhamba ekukhanyeni kobuso bakho, Yehova.
16. Baya kugcoba egameni lakho imini yonke,Baphakame ngobulungisa bakho.
17. Ngokuba isihombo samandla abo nguwe;Ekuthandeni kwakho, uphondo lwethu luphakamile.
18. Ngokuba ikuYehova ingweletshetshe yethu,UkoyiNgcwele kaSirayeli ukumkani wethu.
19. Wakha wathetha ngombono kowenceba wakho, wathi,Ndibeké uncedo egorheni,Ndiphakamisé indodana ebantwini.
20. Ndifumene uDavide umkhonzi wam;Ndimthambisile ngeoli yam engcwele,
21. Esiya kuqinisela kuye isandla sam,Nengalo yam imkhaliphise.
22. Utshaba aluyi kumqubula;Nonyana wobugqwetha akayi kumcinezela.
23. Ndiya kubaqoba phambi kwakhe ababandezeli bakhe,Ndibaxabele abamthiyayo.
24. Inyaniso yam nenceba yam inaye;Luya kuphakama uphondo lwakhe egameni lam.
25. Ndiya kusisa elwandle isandla sakhe,EMilanjeni* esokunene sakhe.
26. Yena ukundibiza wothi, ÙnguBawo,UnguThixo wam, neliwa lokundisindisa.