12. Ndiya kubulela kuwe, Nkosi yam, Thixo wam, ngentliziyo yonke,Ndilizukise igama lakho ngonaphakade:
13. Ngokuba inceba yakho ibe inkulu kum;Wawuhlangula umphefumlo wam kwelingaphantsi labafileyo.
14. Thixo, ábakhukhumali basukéle phezulu kum;Ibandla labanobungqwangangqwili lifuna umphefumlo wam;Àbakumisi wena phambi kwabo.
15. Ke wena, Nkosi yam, unguThixo onemfesane, onobabalo,Ozeka kade umsindo, omkhulu ngenceba nenyaniso.
16. Ndíbheke, undibabale;Mphe amandla akho umkhonzi wakho,Úmsindise unyana womkhonzazana wakho.
17. Ndénzele umqondiso wokulungileyo,Bawubone abandithiyayo, badane,Kuba wena, Yehova, undincedile, wandithuthuzela.