7. AmaGebhali nama-Amon nama-Amaleki,AmaFilisti kunye nabemi baseTire;
8. Nama-Asiriya athelele kubo,Baba yingalo koonyana bakaLote. (Phakamisani.)
9. Yenza kubo njengoko wenza ngako kumaMidiyan,NakuSisera, nakuYabhin esihlanjeni seKishon.
10. Batshabalala e-Endore,Baba ngumgquba wokugalelwa emhlabeni.
11. Bénzé bona, amanene abo ke, babe njengo-Orebhe nanjengoZebhe;Zonke iinkosi zabo zibe njengoZebha nanjengo Tsalimuna;
12. Bona bathi,Masiwahluthe abe ngawethu amakhaya kaThixo.