Iindumiso 83:3-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Bagqugula igqugula elinobuqhophololo ngabantu bakho,Bacebisane ngabagushiweyo nguwe.

4. Bathi, Yizani sibethe bee shwaka, bangabi luhlanga,Lingabi sakhunjulwa igama likaSirayeli.

5. Ngokuba bacebisana ngantliziyo-nye,Benza umnqophiso ngawe:

6. Iintente zakwaEdom nezakwaIshmayeli,AmaMowabhi namaHagari,

7. AmaGebhali nama-Amon nama-Amaleki,AmaFilisti kunye nabemi baseTire;

8. Nama-Asiriya athelele kubo,Baba yingalo koonyana bakaLote. (Phakamisani.)

9. Yenza kubo njengoko wenza ngako kumaMidiyan,NakuSisera, nakuYabhin esihlanjeni seKishon.

10. Batshabalala e-Endore,Baba ngumgquba wokugalelwa emhlabeni.

11. Bénzé bona, amanene abo ke, babe njengo-Orebhe nanjengoZebhe;Zonke iinkosi zabo zibe njengoZebha nanjengo Tsalimuna;

12. Bona bathi,Masiwahluthe abe ngawethu amakhaya kaThixo.

13. Thixo wam, bénzé babe njengesaqhwithi,Njengomququ phambi komoya.

14. Njengomlilo odla ihlathi,Njengedangatye lilenya intaba,

Iindumiso 83